
Yintoni imfuyo, kutheni ibalulekile kuthi thina sizwe esimnyama?
Imfuyo yinto esayincanca ebeleni, saze sayidla escakathini.
Ibiyindlela yokuphila ngoba ibiyimbiza yesonldo sekhaya nakwisizwe esimnyama ngokubanzi.
Imfuyo iliyaze kumakhaya, iqulathe ulwazi nemvelaphi yethu sisisizwe esimnyama kwaye ingumncedi mhla ngengxaki.
Ibithi indoda yokuxineka ziingxaki zobomi, ibhenele esibayeni sayo ukuzama ukukhawlelana naluphi na uhlobo lwengxaki.
Mandulo bekuthi xa kufuneka kwenziwe umcimbi wekhaya odinga ukuba kuxhelwe, bekuhkonjwa kwimfuyo ekhoyo ebuhlanti ilungeke ingxaki.
Esi senzo besibalulekile kakhulu ngoba ukuthenga impahla ube uzakunyanga ikhaya kunobungozi ngoba, eminye imizi iyathwalela imfuyo.
Ooqhina ka qhonono nozunguli’chela basekona babekhona kwantlandlolo, zizaphuselane nje ekufuneke sizamkele ukuba zakuhlala zikhona.
Lento ikukufuya yinto yethu thina sizwe esimnyama asiyinkatsheli ngoba, izapholo sazincanca kwimazi zoxhwitha sisengamakhwekwe emakhaya.
Mandulo uvimba (Bank) wendoda ibilithango layo, yimfundiso eyafakwa ngoobaw’omkhulu bethu ukuba umntu xa iphangela makathenge imfuyo.
Babesazi ukuba ingxaki ezizakujongana nomntu zininzi kwaye ukuze akwazi ukujongana nazo kufuneka ufuyile.
Nangona nje bekukhuthazwa ukuba umntu makafuye, ulwazi lokuba ufuya njan, ufuya ntoni, ndawni silunikiwe ngoobaw’omkhulu.
Oobaw’omkhulu bebenobuchule bokubona nokwazi ukuba uhlobo oluthile lwemfuyo lulunga kumhlaba onjani okanye kweliphi icala lelizwe.
Kwezintsuku siphila kuzo zininzi izinto umntu anokuzifuyo kwaye nolwazi lokufuya luninzi luyafumaneka.
Kuyakhuthazwa ke ukuba xa ungumntu ozakuqala ukufuya ujonge ipokotho yakho, ufune ulwazi oluphangaleleyo kwaye ungaqala ngezilwanyana ezincinci ezifana neenkuku zesiXhosa (Imileqwa).
Inkcakuba zophando lwenqondo zingqina ukuba ukukhulisa isilwanyana esithile, usikhathalele usibone sikhula sizisa uchulumanco entliziyweni yomnikazi.
Ilizwe liyanda kwaye izidingo zokutya nazo nezinye izinto ezinxulumene nokutya zizohlala zidingeka nangakumbi.
Kuyilonto ke kubalulekile ukuba sifuye ngoba ezizidingo zingaka zokutya zithyile ithuba lokuba abafuyi banganengeniso ngokwezimali.
Xa ungumtu othi xa ebawela umhluzi athathe ebuhlanti okanye anqakule inkuku kwezi anazo, uyasinda ekuchitheni imali kwaye ufumana inyama enezakha mzimba ezipheleleyo.
